Toggle navigation
Home
Programming
Programme Schedule
Outside Broadcasts
News
About us
Contact us
Listen Live
×
Live on NFM 98.1
Listen Live
On air now
Radio NFM Live
The Voice of the Namakwa People
Your browser does not support the audio player.
Press play to listen live.
Contact the studio
027 744 1610
Call
Message
News
Back to News
By:
Siphiwe Ngcongco
Date:
Wed, 13 Sep 2023
Language:
Xhosa
Category:
Government
UMasipala weNgingqi waseNama-khoi uza kufaka uhlaziyo olutsha lombane ukunciphisa imingeni ekhoyo.
Umasipala waseNama-Khoi namhlanje ukhuphe isaziso esichaza ukuba kulindeleke ukuphuculwa kombane. Oku kukulwa umceli-mngeni weengxaki zamanzi nombane eziqhubekayo ezichaphazela uluntu ngokungafanelekanga.Umasipala ubalule ukuba uhlaziyo lubalulekile kwaye luza kuba luncedo ekunciphiseni imingeni ejongene noluntu lwaseBuffelsrivier, iKomaggas kunye neNababeep. Umasipala ubambisene noSodolophu weNgingqi uGqirha Gustav Bock baqinisekile nangona kukho imicelimngeni yokuba ukuphuculwa kombane kuzakwandisa ukufumaneka kwamanzi kwiWadi yeSibhozo. Kwakhona, kuya kukhokelela kunikezelo oluzinzileyo noluthembekileyo kwindawo yokugcina amanzi.Bongeze ngelithi bazimisele ukuthethathethana no-eskom olunokuthi lukhokhelele ekuqinisekiseni ukuba iimpompo zihlala zivulekile kunye neziseko zamanzi ukuba zikhuselwe kwiziphumo ezibi zika-Eskom okanye nawuphi na umonakalo ongalindelekanga.
Share This Article
Facebook
Twitter
WhatsApp
« Nasionale Raad van Provinsies verwelkom 'n week lange toesigprogram in die provinsie
Amaqela ebhola yomnyazi eNamakwa aphinde anyusa iflegi kwindawo abonisa italente anayo. »
Related News
Tue, 25 Aug 2026
Klaaste fokus op dissipline en dienslewering
Tue, 25 Aug 2026
Verbruikersbeskermingsowerheid versterk nakoming in Victoria-Wes
Tue, 25 Aug 2026
Jong vroue breek grense in vakmanskap