UMzantsi Afrika ujongene noqhambuko lwesifo somvundla esophayo, uninzi lwezehlo zifumaneka eMntla Koloni.ISebe lezoLimo, uBuyekezo lweMihlaba kunye noPhuhliso lwasemaPhandleni lithe ilizwe ngoku linamakhulu amabini aneshumi elinesibhozo lokuqhambuka kwesifo somvundla esophayo kwiWorld Organisation for Animal Health. Bathe esi sifo asikho yingozi ebantwini okanye kwezinye izilwanyana zasekhaya.Uninzi loqhambuko lwenzeka eMntla Koloni ngekhulu elinamashumi amathandathu anesihlanu, ze eNtshona Koloni inamashumi amane ananye, ngelixa inani elincinane loqhambuko liye labikwa livela eFreyistata isithandathu kunye neMpuma Koloni ezintlanu. Kutshanje, uqhambuko luqinisekisiwe kwiphondo laseGauteng.Abanini bemivundla bayabongozwa, ngokungxamisekileyo, ukuba izilwanyana zabo zasekhaya ezinamamazinyo amade zigonywe.