Njengoko isizwe sikhumbula iVeki yaManzi yeHlabathi, uMntla-Koloni uyaqhubeleka nokunika ingxelo ngokuqhambuka kweKholera ethe yaxelwa okokuqala eGauteng ekuqaleni kweenyanga ezimbalwa zalo nyaka.Amalungu oluntu ayabongozwa ukuba alumkele ulwazi oluphosakeleyo.Umphathiswa wezempilo uGqirha Joe Phaahla kwinyanga ephelileyo ubalule ukuba imeko iphantsi kolawulo ngenxa yokuqhambuka kwesifo sorhudo kwezinye iindawo zoMzantsi Afrika.UMphathiswa uPhaahla umema ukuba kuqhutyekwe qwalaselwe kwaye kugcinwe umgangatho ophezulu ucoceko lobuqu ngawo onke amaxesha ukuthintela usulelo olunokwenzeka lwamanzi kunye izifo zokutya.