By: Siphiwe Ngcongco
Date: Wed, 23 Aug 2023
Language: Xhosa
Category: Politics
Steenhuisen ubhengeze uGq. Fritz njengoza kuba ngumgqatswa weNkulumbuso kunyaka ozayo.
Inkokeli yombutho iDemocratic Alliance, uJohn Steenhuisen namhlanje eKimberley ubhengeze uSihlalo wePhondo, uGqirha Isak Fritz njengoza kuba ngumgqatswa weNkulumbuso yaseMntla Koloni kunyaka ozayo ka-2024.UShelley de Witt ubalule ukuba esi sibhengezo sesinye isiganeko esibalulekileyo kwiphulo lombutho lokuhlangula uMntla Koloni. Nanjengoko yonke eminye imiqondiso ibonisa ukuba kuNyulo luka-2024 uMntla-Koloni liphondo elinokuphumelela kwi-African National Congress emva kweminyaka yolawulo olugwenxa nobuqhophololo, kwaye kweli phondo iDA izimisele ukuba sembindini worhulumente omtsha.Kutyelelo luka-Steenhuisen, ukuza kuthi ga ngoku uye wandwendwela kwaye wathethathethana noluntu lwaseKai !Garib - indawo esemaphandleni yeHash Valley eKakamas - Upington - Gamagara naseKimberley.
Related News