Iqakamba yesikolo saseNamakwa kulengomso bazokuqhuba itumente yabangaphantsi kweshumi elinanye le-6 A Side kwibala lemidlalo yoluntu yaseKleinzee. Izikolo ezisibhozo zalo mmandla ziza kuthabatha inxaxheba ziqhuba ukhuphiswano lobuhlobo.Kumenywa uluntu oluphuma kwiindawo ezingqongileyo ukuba luzimase kwaye luxhase ulutsha njengoko kulindeleke ukuba lube nemincili kwaye lubonise ngemidlalo yesi sithili.Lo mdlalo oququzelelwa ngumbutho weqakamba iNamakwa ubalule ukuba balindele abantu abaninzi abangamakhwenkwe namantombazana ababalelwa kinani elilikhulu elinamashumi amane - kunye naBaqeqeshi/abahlohli abangamashumi amathathu anesihlanu kule ndibano. Bongeze ngelithi isicwangciso kukuqinisekileyo kukujika elwandle emva kwemidlalo yeqakamba. NNalapho abanye babadlali izakuba kukokuqala ukubona ulwandle kwaye nabaqeqeshi bawuchulumancile lo msitho.