Umasipala wasekhaya waseRitchesveld uzakuphinda abambe iMbizo kaSodolophu ngale njikalanga ngentsimbi yesine eSizamile Clinic Hall, le ndibano izakube ikhokelwe ngusodolophu wengingqi uCornel Knoph.Imbizo ikhuthaza ukubandakanyeka okubonakalayo nokuthatha inxaxheba koluntu ekuphunyezweni kweenkqubo zikarhulumente. Oku kufanele ukuba kwenzeke njengesiqhelo sokusebenza kukarhulumente rhoqo, ukuqinisa uthatho-nxaxheba loluntu kumasipala waseRitchersveld.NgokukaMasipala, iinjongo kukunika abantu ithuba lokuphakamisa imiba malunga neenkqubo zikarhulumente. Apho ubukhulu becala, kukuqinisekisa ukuba urhulumente uyaphulaphula, uqaphela imiba ephakamiswayo kwaye aqinisekise ulandelelwano olwaneleyo namaqumrhu anoxanduva kwaye apho kunokwenzeka, aphendule ngokukhawuleza.