Umasipala wengingqi yaseRitcherveld ukhuphe isaziso kwiindawo kubahlali bengingqi ukuba bancede basebenzise amanzi ngobulumko.Esi sibongozo silandela i-Alexkor ngoku efumana ubunzima kwenye yeempompo zabo zamanzi. Kuthiwa impompo zineengxaki zokutsala amanzi kwizikhululo ezifanelekileyo. Lo masipala wongeze ngelithi, aphantsi kakhulu amanzi kula madamini nto leyo ekhokelela kwisicelo sokuba abantu bawasebenzise ngobunono amanzi.Ithontsi ngalinye lamanzi kweli nqanaba kuthiwa libalulekile nangayiphi na indlela. Umasipala uzama ukukhangela iindlela ezizezinye zokugcwalisa amanzi aze anikwe uluntu kulandela imozulu ebonisa ukuba akukho mvula ilindelekileyo kungekudala.