Umasipala wengingqi yaseKamiesberg izolo ibambe iMbizo yoNikezelo lweeNkonzo zikaSodolophu, ibikhokelwa nguSodolophu uSusarah Nero, ebambe imbizo yonikezelo lweenkonzo eNourivier naseLeliefontein. Amasebe eqela akarhulumente bebeyinxalenye yolu cwangciso.Ngexesha lezi ngxoxo, uMasipala waseKamiesberg wazisa abahlali kwakhona ngeenkonzo abazinikezelayo, kunye namasebe akhoyo. La masebe ibe leleMfundo, eloPhuhliso loLuntu nelezoThutho, eloKhuseleko kunye noNxibelelwano. Abahlali bebezimase lomsitho bebenethuba lokuphakamisa nemiba yokuhanjiswa kweenkonzo.Le nkqubo yenzelwe ukuzisa iinkonzo kubahlali kwakunye nokuqinisekisa urhulumente wentsebenziswano. Olu hlobo lwenkqubo luyakusiwa kwezinye iidolophu ezininzi ezikummandla kaMasipala waseKamiesberg.