By: Siphiwe Ngcongco
Date: Tue, 24 Oct 2023
Language: Xhosa
Category: Business
I-Black Mountain Complex izakuqhuba uxanduva lwayo lonyaka lwezoshishino lwentlalontle ukuqala ngomso.
I-Black Mountain Complex izakuqhuba uxanduva lwayo lonyaka lwezoshishino lwentlalontle ukuqala ngomso ukuya kwiveki ezayo ngoMvulo ngomhla wamashumi amathathu kweyeDwarha, oku kuya kuxhaswa yinkqubo yoRhatyazo loTyando Lwamehlo ngokusebenzisana neBhunga leSizwe labangaboniyo loMzantsi Afrika, uRhulumente wePhondo laseMntla Koloni kunye neSebe lezeMpilo leSithili sengingqi.Isigaba sokuqala senkqubo saqukunjelwa kweyoMsintsi sijolise kuMasipala waseKhai Ma kunye noNama-Khoi. Ngokwe Vendanta Zinc International, baye bavavanya malunga namakhulu amabini anamashumi amathathu anesithandathu amalungu oluntu, batyanda amashumi asixhenxe anesithandathu, balaliswa esibhedlele malunga namashumi asibhozo anesibini, kwaye urhatyazo lufikelele kwikhulu elineshumi elinesithandathu.Inqanaba lesibini lenkqubo liya kuba libhekisa kwimimandla kaMasipala wase-Ritchersveld kunye naseKamiesberg.Amalungu oluntu aseGaries ngomso acetyiswa ukuba aye kwiholo yawo yasekuhlaleni. NgoLwesine, uluntu lwasePort Nollort luza kunikwa ithuba kwiholo yalo yoluntu ukuze luhlolwe. Usuku lotyando luphakathi kwamashumi amabini anesixhenxe ukuya kumashumi amathathu kweyeDwarha eNababeep.
Related News