Umasipala waseHantam izolo uqukumbele iintsuku ezilishumi elinesithandathu zoBundlobongela obujoliswe kumanina nabantwana. Eli phulo laxhaswa ngamasebe nemibutho eyahlukeneyo karhulumente.Lo masipala uthi unqwenela ukucebisa uluntu lwaseHantam ukuba luvale zonke iintlobo zobundlobongela ngokuthi luxele kumapolisa akufutshane.Inyanga yoMnga ikwaphawulwe njengeyokwazisa abantu ngentsholongwane kagawulayo, watsho esithi babongoza abahlali ukuba babavavanye kwaye bazi ubume babo.