Ngelinge lokuqinisekisa ukuqala kakuhle konyaka wokufunda ka2024, iNkqubo yeSizwe yoNcedo lwezeziMali yaBafundi iza kuqhuba ukuya kutsho kwiibhiliyoni ezine zeerandi njengentlawulo kwangethuba kuwo onke amaziko emfundo ephakamileyo, phambi kwexesha lokuqukunjelwa kwezicelo nokubhaliswa.UMphathiswa weMfundo ePhakamileyo, iNzululwazi noTshintsho, uGqirha Blade Nzimande, wenze isibhengezo ngethuba ethetha noonondaba ePitoli izolo malunga nemeko yesebe yokulungela ukuvulwa konyaka wokufunda weMfundo noQeqesho emva kweZikolo zika-2024.Ukwabhengeze ukuba imali yesibonelelo seTVET iza kunyuka kakhulu kumawaka alishumi eerandi njengenxalenye yeenzame eziqhubekayo zokuzisa ukulingana phakathi kweyunivesithi kunye necandelo leTVET.