Abahlali bakaMasipala waseHantam bayacetyiswa ukuba balumke ngakumbi ngelixa besebenzisana neqola elizenza intloko kamasipala yokuqhawulwa konxibelelwano.Esi silumkiso sikhutshwe ngethuba ummi wale ndawo exelele umasipala ukuba ufumene umyalezo kuWhatsApp othi nguRodwell Khumalo oligosa lombane kulo masipala.Ukuze kuthintelwe imitha yombane ohlawulelwa ungekasetyenziswa (prepaid meter) ukuba ivalwe, umntu owenza ubuqhophololo kumyalezo ucela ukuba iimali ezinkulu zifakwe kwi-akhawunti yebhanki engachazwanga.Lo masipala ukhuphe isilumkiso eluntwini kumakhasi onxibelelwano esithi abanakuze basebenzise uWhatsApp xa benxibelelana nomntu ohlawula irhafu okanye bacele ukuba imali ifakwe kwiakhawunti engaziwa ukuze bavule imitha.