By: Siphiwe Ngcongco
Date: Thu, 01 Aug 2024
Language: Xhosa
Category: Education
SASCO ibongoza urhulumente ukuba athathele ingqalelo kwinkqubo yezemfundo
INkongolo yaBafundi boMzantsi Afrika eMntla Koloni ibongoza urhulumente ukuba athathele ingqalelo kwaye alungise inkqubo yezemfundo nemiba esemgangathweni ukuqinisekisa ukuba abafundi bayakwazi ukuqhubeka nezifundo zabo ngaphandle komthwalo wemali.UTshepang Makhetha, uSihlalo weNkongolo yaBafundi ephondweni, uvakalise ukuphoxeka kwakhe ngenxa yemeko ekhoyo ngoku yeNkxaso yezeMali yaBafundi beSizwe kunye nePhulo leLungelo lokuFunda. uMakhetha, uthe, iNSFAS wohlulakele ukunika inkxaso yemali eyaneleyo kubafundi, nto leyo ebangele ukuba uninzi lushiyeke bengenamali. Ukugxininisa ukuba icandelo lezemfundo likwintlekele enkulu efuna ukuqwalaselwa ngokukhawuleza, ingakumbi ngeli xesha imfundo ifanele ukuba ngundoqo.
Related News