Abo banomdla wokuya kwizikolo zolwaluko bayacetyiswa ukuba babhalise ukususela izolo. NgokweSebe leNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli eMntla Koloni, oku kuhambelana uMthetho woKwaluka ukuba isikolo solwaluko masibhaliswe ubuncinane kwiinyanga ezintathu phambi kokuba kuqalise ixesha lokwaluka.Isikolo solwaluko sidlala indima ebalulekileyo kwimfundo yenkcubeko, ukuziphatha, nokukhuthaza indlela yokuziphatha eyamkelekileyo. Isebe lithe ukubhalisa izikolo zokwaluka, abantu, abazali noluntu kufuneka bathetha-thethane neeforam zabo zokwaluka. Amaphepha afanekileyo ezicelo ayafumaneka xa ziceliwe kwiSebe. Zonke izicelo kufuneka zithunyelwe kwi-PICC kunye noMlungisi Masimini: 060 537 1679.