By: Siphiwe Ngcongco
Date: Tue, 27 Aug 2024
Language: Xhosa
Category: Government
UMphathiswa uMakatong ukholisiwe yiprojekthi yolwakhiwo lwendlela eRooiwal.
UMphathiswa weSebe lezeNdlela neMisebenzi yoLuntu eMntla Koloni, uFufe Makatong, uthi usonwabile yinkqubela eyenziweyo kwiprojekthi yolwakhiwo lwendlela eRooiwal kumasipala wesithili saseNamakwa. Isithethi seli sebe, uZandisile Luphahla, ubalule ukuba le ndlela ibalulekile eluntwini, kuba ayiqinisekisi uqhagamshelo olungcono kuphela kodwa ikwaxhasa ukukhula koqoqosho lwasekuhlaleni.Le projekthi yaphehlelelwa yiNkulumbuso yephondo, uGqirha Zamani Saul, ebutsheni balo nyaka ngomhla wamashumi amabini anesibini kuCanzibe. ULuphahla uthi, eli phulo lidale amathuba engqesho kuluntu olukwikhulu elinamashumi amahlanu, ulutsha olumalunga namashumi amahlanu kunye nabasetyhini abangamashumi amane.
Related News