Abathengi balumkiswa ngokonyuka kwexabiso leetapile kwezi nyanga zizayo oku kulandela inkxalabo yokunqongophala kweetapile kubemi boMzantsi Afrika.UHenk van de Graaf, uSihlalo ophumayo weTransvaal Agricultural Union eMzantsi Afrika ukhankanye ukuba ngenxa yeqabaka emnyama abathe bayifumana, amafama kunyanzeleke ukuba akhuphe iitapile emhlabeni kwangoko kunesiqhelo, ngoku kuthetha ukuba iitapile zincinci kwaye isivuno sinobunzima obungaphantsi. Ukunqongophala kweetapile kuthetha ukuba ixabiso leetapile kunye nawo akhenkcezisiweyo azakunyuka phakathi kwangoku ukuya ekupheleni kwenyanga ezayo. Abathengi kufuneka bazixhase ngepokotho yeekhilogram ezilishumi yeetapile ezinokuxabisa malunga nekhulu elinesibhozo leerandi ukuya kumakhulu amabini eerandi.