By: Siphiwe Ngcongco
Date: Tue, 03 Sep 2024
Language: Xhosa
Category: Government
I-Rhuluneli yeBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika ilumkisa abantu ukuba bangathathi izigqibo ngokungxama kwinkqubo yomhlalaphantsi
Irhuluneli yeBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika, uLesetja Kganyago, uthi abasebenzi bazakuqhubeka beziva benoxinzelelo lokunyuka kwamaxabiso xa berhoxa kwinkqubo yokuthatha umhlala phantsi kweembiza ezimbini ukuze basebenzise imali.Inkqubo yeembiza ezimbini, eqale ukusebenza izolo, ivumela ukufikelela kwinxalenye yengxowa-mali yomhlalaphantsi phambi kokuthatha umhlalaphantsi.NgokukaKganyago, amalungu kufuneka arhoxe ukuze ahlawule ityala ukunqanda ingxaki yokunyuka kwamaxabiso. UKganyago ulumkisa ngelithi ukungena kugcino lwenkcitho eninzi endaweni yokutyala imali okanye ukucutha amatyala kungaba yingxaki.
Related News