UMphathiswa wezeMicimbi yaseKhaya uLeon Schreiber uthi ii-visa zokufunda ezingaphezu kwamawaka amabini zikhutshwe ngobuqhetseba ngamaqumrhu angaphakathi asebenza ngaphakathi kweli candelo.

Uqinisekisile ukuba iinkqubo zolawulo ziyaqhubeka zokurhoxisa ii-visa kunye nokuvala naziphi na ezinye iimpepha ezifunyenwe ngabantu abafanayo.

Ii-visa zobuqhetseba yinxalenye yophando olubanzi malunga nokuphathwa gwenxa kokukhutshwa kwee-visa phakathi kweyeDwarha 2004 nakweyoMdumba 2024, olugunyaziswe nguMongameli uCyril Ramaphosa phantsi kweSibhengezo sekhulu elinamashumi amahlanu anesine sika-2024.

USchreiber uthi isebe liza kurhoxisa onke amaxwebhu afunyenwe ngokungekho mthethweni kwaye liqinisekise ukuba abo bazuze ngokungekho mthethweni bajongene nokugxothwa okanye ukutshutshiswa apho kuyimfuneko.