By: Siphiwe Ngcongco
Date: Wed, 14 Jun 2023
Language: Xhosa
Category: Government
ISithili sasePixley kaSeme samkelwa njengendawo yemigulukudu eMntla Koloni.
Isebe loPhuhliso loLuntu (i-DSD) eMntla Koloni lisingathe ungenelelo lobulungisa bembuyekezo nabazali nabantwana abakumaqela emigulukudu ngoLwesibini, umhla we-13 kweyeSilimela ngowama-2023, e-De Aar.ISithili sasePixley kaSeme saqatshelwa njengendawo ethandwa kakhulu yimigulukudu kwiphondo. Uluntu lwaseSunrise kumasipala wase-Emthanjeni luzelona ziganeko zemigulukudu ekuxeliweyo ziphezulu kwesi sithili.I-DSD njengomgcini wabantwana, ithe thaca iSicwangciso-qhinga sokuLwa imigewu ukunceda abantwana, ulutsha kunye neentsapho ukuba baqonde ubungozi obunxulumene nobugewu.Injongo yale nkqubo yayikukulwa imigulukudu eluntwini nokwakha isizukulwana esingcono sekamva.
Related News