By: Siphiwe Ngcongco
Date: Wed, 14 Jun 2023
Language: Xhosa
Category: Health
UMthetho osaYilwayo we-inshorensi yezempilo yeSizwe yamkelwe kwiNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe
UMphathiswa wezeMpilo,
uGqirha Joe Phaahla, uchaze ukupasiswa koMthetho osaYilwayo we-Inshurensi (NHI)
kwiNdlu yoWiso-mthetho ngoLwesibini njengomzuzu “wembali”.
Oku kulandela amakhulu
amabini anesihlanu amaLungu ePalamente (MPs) avotele ukuxhasa uMthetho oYilwayo
we-NHI kwaye ikhulu elinamashumi amabini anesihlanu avotele ngokuchasene nawo.
Oku kuthetha ukuba lo
Mthetho uYilwayo ngoku uza kungeniswa kwiBhunga leSizwe lamaPhondo (NCOP),
uvula indlela yokuba urhulumente aqhubele phambili ngoBonelelo lweMpilo kwiHlabathi
liphela (i-UHC).
NgokukaPhaahla, uMthetho
osaYilwayo we-NHI, owaziswa ePalamente ngonyaka wama-2019, ubeka isiseko
sohlaziyo olukhulu olufunekayo kweli lizwe.
Ngokweendaba
zikarhulumente woMzantsi Afrika, yi-16% kuphela yabemi boMzantsi Afrika abaphantsi
kwenkqubo yoncedo lwezonyango, ngelixa i-84% ixhomekeke kwi-49% yezibonelelo
ezivela kwifiscus kunye neenkonzo ezibonelelwa yinkqubo yezempilo karhulumente
kuphela.
U-Phaahla uchaze ukuba
i-NHI ijonge ukuhlanganisa izixhobo zabo banokuba negalelo kuphela
kwimali-mboleko ngeendlela ezingathanga ngqo ezifana ne-VAT kunye nezinye
iingqokelela kunye nabo sele benegalelo kwizikim ezingama-81 ezahlukeneyo
kwiqula elinye.
Related News