Inkokeli yePhondo ephinde yanyulwa, uHarold MacGluwa uthe iAfrican Nation Congress ilahlekelwe lixabiso layo kwaye yabalela abantu. NjengeDemocratic Alliance, bathembisa uluntu lwaseMntla Koloni ukuba luyintoni na unikezelo lweenkonzo olululo kunye nolawulo olunefuthe elihle. Oku kugxininiswe kwingqungquthela ye-Democratic Alliance yephondo 2023 eNamaqualand ngoMgqibelo, umhla we-10 kweyeSilimela 2023. 85% abathunywa abafanelekileyo abayi-288 bebezimase le nkongolo baza bavotela ubunkokeli obutsha bephondo. Lo msitho wenzeke apho iqela liyinxalenye yorhulumente womdibaniso neNamakwa Civic Movement (NCM). Abathunywa basabele ngokuncomekayo kubunkokheli bephondo obutsha obuza kukhokela unyulo luka-2024 kwaye bathembisa ukuloyisa umbutho olawulayo ozihlazisayo ngeevoti ezingaphezu kwe-50%. UMcGluwa uvakalise ngokucacileyo ukuba ilifa le-ANC liwele eludakeni njengoko besilele ukunikezela ngeenkonzo kuluntu kwaye umbutho olawulayo wenze imingxunya, ubhubhani wamandla emanzini angcolisekileyo ibe yinyani ebantwini. Kwaye baceba ukuyisusa loo nto kwiinkonzo ezifanelekileyo. UIsak Fritz, ilungu lendlu yowiso-mthetho yephondo uthe iANC iza koyiswa kunyulo oluzayo "I-ANC iza kuzisusa kwaye bayabona okwangoku ukuba bame phi ngoku", utshilo. Wongeza, “kwelethu icala, siza kukhankasa koomasipala bethu bengingqi kwaye sibonise kuluntu lwethu indlela yokulawula nokubabonelela ngeenkonzo ezifanelekileyo”. UBertie Saal, isithethi se-ANC kwingingqi yaseNamakwa akakhange ayithathele ingqalelo iDA kwaye uthethe amazwi ahlabayo kumbutho wabo. "Daai yingxaki enkulu, doen niks van julle eie praat altyd van die ANC". Uthe iDA iyasilela ukubonisa into enokuyinika kwaye ithathe inyathelo eliphantsi ngokuhlasela iANC kwaye ingxolise abantu basekuhlaleni ngokusebenzisa iqhinga lobuhlanga elidala iyantlukwano. Abamhlalutyi bezopolitiko bakhankanye ngelithi unyulo jikelele luka-2024 njengomdlalo olungileyo kuye nabani na njengoko iqela ngalinye lezopolitiko lineengxelo zalo zokonakaliswa kodwa konke kuxhomekeke ebantwini ababathembileyo. Ulutsha lubonakala lungalukhathalelanga unyulo, luchaza ukuba ezopolitiko zidlala ngeminqweno yenkonzo yabantu apho abezopolitiko bexakekile betyeba iipokotho zabo kwaye bengakhathali abo bababeke kwizikhundla abakuzo.