INkongolo yeManyano yabasebenzi boMzantsi Afrika (COSATU) isandula kukhupha ingxelo yokuxhasa ukukhutshwa koMthetho osaYilwayo woLungiso lweMithetho yeNgeniso kunye noMthetho osaYilwayo woLawulo lweNgeniso kunye neMithetho yoMhlalaphantsi eyenziwe nguNondyebo. Ngelixa uManyano luyibona njengenkqubela phambili abaninzi bayibona njengomgibe kwaye abahlalutyi bacebisa uluntu ukuba lufumane imfundo yezemali phambi kokuba bazisole nasiphi na isigqibo abanokuthi basithabathe okwangoku. Le Mithetho iYilwayo iya kuqala ukusebenza ngomhla omnye weyoKwindla kulo nyaka uzayo. Isiteyitimenti sidiza ukuba imithetho yerhafu ekhoyo enika inkuthazo kwimirhumo yomhlalaphantsi kunye nokutsalwa kwemali kwipension kwangethuba iya kuqhubeka isebenza.