By: Siphiwe Ngcongco
Date: Thu, 15 Jun 2023
Language: Xhosa
Category: Education
Ziintsuku ezisixhenxe ezishiyekileyo ukulungiselela ukwamkelwa kwabafundi esikolweni ngo-2024
ISebe lezemfundo eMntla Koloni libongoza bonke abazali nabagcini babantwana ngokusemthethweni ukuba bafake izicelo kwangethuba ezimiselweyo ukuze bafumane indawo yesikolo kunyaka wokufunda ka-2024. Kushiyeke iintsuku ezisixhenxe phambi komhla wokuvala isicelo se-intanethi.Isebe lavula i-2024 Online Learner Admissions ukususela nge-22 Canzibe de kube yi-22 kweyeKhala 2023, kuphela kwizicelo zeBakala R, 1 & 8.Abazali mabangene kwisebe lephondo kwiziko lewebhu le-Online Learner Admissions website ethi www.ncdoeadmissions.org ukuze bagqibezele inkqubo yesicelo enamanyathelo amathathu, (1) Ukubhaliswa komzali/umgcini osemthethweni (2) Ukukrola iprofayili yoMfundi kunye (3) nesicelo. Abazali kufuneka bazalise onke amanyathelo amathathu ukuze isicelo sizaliswe.
Related News