Umasipala waseRitchersveld uzokuqhuba umbhiyozo loLutsha ngoMgqibelo, wamashumi amabini anesithoba kweyeKhala, kwiziko loLutsha e-Alexander Bay - kwiWadi yesihlanu. Oku kuya kuhambelana nomxholo othi “Ukukhawulezisa inkululeko yolutsha kwezoqoqosho ukwenzela ikamva elizinzileyo”.USodolophu uCornell Knoph kulindeleke ukuba enze intetho ephambili e-Alexander ukukhumbula usuku lolutsha olwamkelwa minyaka le ngomhla weshumi elinesithandathu kweyeSilimela. Umzabalazo kuthiwa usaqhubeleka kulutsha loMzantsi Afrika kwaye ulutsha lwase eRitchersveld alukho ngaphandle kulemizabalazo.NgokweNkcukacha-manani yoMzantsi Afrika, iPhondo loMntla-Koloni linenqanaba labantu abangaphangeliyo lilonke elingamashumi amathathu anesibini ekhulwini kunye nenqanaba lentswela-ngqesho kulutsha ngamashumi amane anesibini ekhulwini.