Umasipala waseRitchersveld wothulela umnqwazi amalungu asekuhlaleni ngenxa yomonde nokubathemba malunga neemfuno ezibalulekileyo zoluntu.Umasipala ubalula umbulelo kulandela imeko emaxongo ethe yafunyanwa yisithili saseNamakwa kwinyanga ephelileyo kwaye uthembisa uluntu ukuba bazakwenza konke okusemandleni abo ukuzama ukunikezela ngeenkonzo ezifanelekileyo kubo.Uluntu luyabongozwa ukuba luqhubeke nomonde njengoko luqaphela ukuba uluntu lwasePort Nolloth lusaqhubeka nokuba kwimeko emaxongo yamanzi nombane. Ixesha elimiselweyo lesisombululo alikaqikeleki.Umasipala ubalule ukuba ngoku bakwinqanaba lokuqala lokufaka izibane zasezitalatweni zesola kwaye bazakuqhuba nokuzifaka nakwezinye iindawo ezichatshazelwe kukucima kombane.