Namhlanje, 23 KweyeThupha, iSikolo samaBanga aPhantsi saseConcordia sitshintshe ugxininiso saza sakhokela abafundi abaselula ngokubaluleka kwamanzi ahlaziyekileyo nokukhuthaza ulawulo oluzinzileyo lwemithombo wamanzi.Oku kulandela umbhiyozo lweVeki yaManzi ehlabathini eqhubeka phakathi kwamashumi amabini ukuya kumashumi amabini anesine kweyeThupha. Lo nyaka ubhiyozelwa phantsi komxholo othi, Imbewu yoTshintsho: Izisombululo ezitsha zeHlabathi elinoBulumko baManzi apho amalungu oluntu amenywa ukuba acinge kwakhona ngendlela abawalawula ngayo amanzi.Abantwana besi sikolo bacetyiswe ukuba beze neebhotile ezinamanzi ukuqinisekisa ukuba basela amanzi aneleyo ngosuku ukuqinisekisa impilo entle.