Izenzo eziphazamisayo kulwaphulo-mthetho kwiindawo ezixhaphakileyo kuMntla Koloni ziqale kwiveki ephelileyo ngoLwesine de kwayizolo ngeCawe eqhutywa ngamapolisa ephondo.Sgt. UMolefi Shemane ubalule ukuba ngexesha lokumisa kunye nokusetsha malunga namakhulu amathandathu anesithandathu uhlolo lokuthobela oluye lwenziwa kumashishini asemthethweni nangekho sikweni.Abarhanelwa abangamashumi asixhenxe babanjelwa amatyala awohlukeneyo.Abarhanelwa abangamashumi asibhozo anesihlanu baye balandelwa kwaye babanjelwa izenzo zolwaphulo-mthetho ezohlukeneyo ezigxile kulwaphulo-mthetho lokunxibelelana.Amapolisa athimba iziyobisi, utywala, izixhobo eziyingozi kunye nemali ekukholelwa ukuba yimveliso yolwaphulo-mthetho. Abarhanelwa bazakuvela eznkundleni kungekudala.