By: Siphiwe Ngcongco
Date: Fri, 08 Sep 2023
Language: Xhosa
Category: Education
ISebe lezeMfundo eMntla Koloni likhuphe isaziso ngezibonelelo zokuhlalaphantsi.
ISebe lezeMfundo eMntla Koloni likhuphe isaziso ngezibonelelo zepenshini ezingafunwayo. Isebe lidize ukuba uninzi lwamagosa esebe anezibonelelo zomhlalaphantsi ezingazange zibangwe kurhulumente kwingxowa-mali yomhlalaphantsi yabasebenzi.Isebe lezemfundo laseMntla Koloni limema onke amagosa achaphazelekayo, iSithili saseNamakwa sihamba ngolu hlobo: ngomhla weshumi elinesine kweyoMsintsi - amagosa aseCalvinia azakuya kwiholo yeSikolo samaBanga aPhakamileyo saseHantam. Ngelixa, ngomhla weshumi elinesine kweyoMsintsi - kucetyiswa kummandla waseSpringbok ukuba amagosa kufuneka aye kwiholo yeSikolo samabanga aphantsi iSpringbok.Abaxhamli bamagosa abangekabangi, bacetyiswa ukuba beze nesazisi kunye neephetshana zomsebenzi wabo. Kwimeko ukuba umntu sele eswelekile: iqabane linokuzisa amaxwebhu axhasayo afana nesatifiketi somtshato kwaye ukuba kwenzeka ungumntwana womxhamli - kufuneka uveze uxwebhu oluxhasayo emva kwebango.Ngeenkcukacha ezithe vetshe, umntu angatsalela uNksz Cornow ku-079 508 5271.
Related News