UMphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho, uGqirha Blade Nzimande, uthi iNational Student Financial Aid Scheme izakuqhuba nomsebenzi wayo wentsebenziswano namanye amaqumrhu karhulumente ukuqinisekisa zonke izicelo zenkxaso-mali.Ingxelo ephuma kwiBhodi ye-NSFAS ibonisa ukuba abafundi abangamashumi amane anesihlanu amawaka anamakhulu alithoba namashumi amabini anesixhenxe baye bathintelwa ngokuchanekileyo okanye ngempazamo ukuba bafumane inkxaso-mali ngenxa yezikhewu zokulungisa, eziwela phantsi kweendidi ezintathu ezibanzi. Ezi ndidi zintathu zibandakanya iZicelo zeHybrid, uBudlelwane baBazali obulahlekileyo, kunye neDatha yeLatency evela kwiNkqubo yoLawulo loLwazi lweMfundo ePhakamileyo.Ngelixa, uphando lweCandelo eliKhethekileyo loPhando luveze ukuba iibhiliyoni ezintlanu zeerandi kusenokwenzeka ukuba zabelwa abafundi abangakulungelanga ukufumana inkxaso-mali.