Kwiinzame zokujongana nemisebenzi engekho semthethweni yokwembiwa kwemigodi kwiSithili saseNamakwa, uMkomishinala wePhondo laseMntla Koloni, uLieutenant General Koliswa Otola, uye waqhuba umsebenzi ohlangeneyo wamacandelo ngamacandelo egxile kakhulu emigodini engekho mthethweni kwi-AK 64 kwibhloko yemigodi kunye nehostele yaseSpringbok eseKleinsee.Eli phulo lezinto ezininzi lenziwe kwindawo yaseNamakwa kwaye lajongana nabasebenzi-mgodini abangekho mthethweni emva kwephulo lobuntlola elathi laqhutywa kwezi ntsuku zimbini zidlulileyo. Ngexesha lamanyathelo ophazamiseko abantu abangamakhulu asibhozo anamashumi amane anesixhenxe baye babanjwa ngamatyala awohlukeneyo uninzi lwabo ibingabemi bangaphandle.