UMasipala weNgingqi waseRitchesveld uchaze ukuba kutsha nje uqhube inkcitho enkulu yemali ukuze kucocwe iindawo yenkunkuma engekho mthethweni.Oku kuza emva kokulahlwa kwenkunkuma ngokungekho mthethweni kumangcwaba aseAlfred Warne. Umfanekiso ongenasidima kwabo babhubhileyo, umasipala udize ukuba oku kukungahloniphi abo sele beleli ukuthula.Umasipala uthi endaweni yokuba imali ichithwe ekulungiseni imingxuma ezindleleni nokuzisa izibane ezininzi zelanga – inkcitho enkulu yemali iye yokuqesha oomatshini ngelona xabiso liphezulu, amafutha kwitip truck kunye nokubhatalwa kwemivuzo kwabo bahambe bayokucoca apho.Umasipala ukwabongoza uluntu lwasekuhlaleni ukuba luyeke ukulahla ngokungekho mthethweni kwiindawo ezingagunyaziswanga kwaye ukuba nabani na ubona umntu okwenzayo oko ancede anike ingxelo kwi-ofisi ekufutshane.