By: Siphiwe Ngcongco
Date: Wed, 25 Oct 2023
Language: Xhosa
Category: Government
Andile Nongogo, iNtloko yeSigqeba soNcedo lwezeziMali kuBafundi ugxothiwe.
Amalungu ePalamente akwamkele ukugxothwa kweGosa eliyiNtloko yeSigqeba soNcedo lwezeziMali kuBafundi u-Andile Nongogo ngokophula intembeko phakathi kwamashumi amane anesixhenxe eebhiliyoni zeerandi.USihlalo webhodi ye-NSFAS, Ernest Khosa, uxelele iPalamente ngethuba evele phambi kweKomiti eSigxina yee-Akhawunti zikaRhulumente izolo. Oku kulandela iziphumo zengxelo yophando yeNgcukaitobi kunye neWerksmans echasene naye, emva koko kwathathwa isigqibo sokuba kucinywe isivumelwano sengqesho sikaNongogo ngokophula imimiselo yolawulo lwemali kunye nokophula intembeko.Ngelixa, Tenet Technologies, ethe yabandakanyeka kungquzulwano olukhulu lweenzuzo kwi-NSFAS, ifunga ukuba iza kuyimangalela ingxowa-mali karhulumente xa ithe yacima ikhontrakthi yayo “engaqhelekanga”.
Related News