Abemmi baseZimbabwe ababanjwe eKimberley ngezityholo zokurhweba ngabantu babanga ukuba uthutha abantwana abalishumi elinesine abangenamaphepha ukusuka eHarare ebasa kubazali babo abahlala eKapa.Umtyholwa, uBeulla Mandukudza Maruza, uvele kwinkundla kamantyi yaseKimberley kule veki, nalapho isicelo sakhe sebheyile sihlehliselwe iveki ezayo ngoMvulo.Obetyholwa kunye naye uTafadzwa Otis Nakakurwa ubekwe ityala lokuba ngumphambukeli ngokungekho mthethweni waze wakhululwa ngebheyile yamawaka amahlanu eerandi kwinyanga ephelileyo.