Malunga namashumi amabini anesine amawaka abafundi abamkelwe izicelo zabo ezilawulwa liSebe leMfundo eMntla Koloni ukuza kuthi ga ngoku.Oku kwenzeka njengoko unyaka wokufunda woMzantsi Afrika sele uza kurhweba kulo Lwesithathu uzayo, umhla weshumi elinesixhenxe kweyoMqungu.Amajelo eendaba esebe adize ukuba ulungiselelo lokuvulwa kwezikolo sele luza kugqitywa kwaye sebezilungiselele ukusebenza ukuze babe neziphumo ezanelisayo zemfundo.NgokweSebe, iqela labo lokwamkelwa kwabafundi lisebenza ngokuzimisela njengoko inkqubo yokwamkelwa kwabafundi emva kwexesha ivalwa ngomso kwaye abazali kufuneka basebenzise elo xesha ukuqinisekisa ukuba abantwana babo bamkelwa kwiziko lemfundo elikufutshane.