Umasipala wengingqi yaseKhai-Ma ukhuphe isaziso kuluntu kwezi yure zamva nje esimalunga nombhobho owonakeleyo.Kubikwa ukuba umbhobho wamanzi eBlyvooruitsig uye waqhuma apho isiganeko siye sachaphazela kakubi abahlali.Umasipala unike ingxelo yokuba iqela labo lobuchwephesha lisebenza ngokuzimisela ukulungisa umonakalo omkhulu owenziweyo.Ixesha elimiselweyo lokuba izinto zibuyele esiqhelweni lijinga emoyeni.