Izinga lokungaqeshwa elisemthethweni kweli lizwe lophule amanqaku angamashumi amathathu anesibini eepesenti kwakhona kulandela ukulahleka kwemisebenzi kutsha nje kwikota yesine ka-2023.Iziko leNkcazo-manani loMzantsi Afrika likhuphe uPhando lweKota lwaBasebenzi namhlanje.Eli qumrhu lithi amashishini amahlanu abe negalelo ekulahlekeni kwemisebenzi kwikota yesine. Iinkonzo zoluntu kunye nezentlalontle zichitha kakhulu, ngabantu abangaphezu kwekhulu elinamashumi asixhenxe amawaka abangasebenziyo ngexesha elinye.Eli qumrhu liqhube lathi iziphumo zekota yesine zibonise ukuba ulutsha luhleli lusesichengeni kwimarike yezemisebenzi.