Umasipala waseNama Khoi uqale ukuthatha inxaxheba koluntu ngale ntsasa, malunga nohlahlo lwabiwo-mali kunye nezicwangciso zophuhliso ezihlanganisiweyo zonyaka ka-2024/2025.Iintlanganiso ziqale namhlanje kwaye ziza kuqhubeka iveki yonke. Ngale ntsasa ngentsimbi yeshumi kuqhutywe intlanganiso yokuqala kwiholo yasekuhlaleni yaseRooiwal.Ngentsimbi yesibini ngale mvakwemini, isicwangciso sophuhliso kunye nohlahlo lwabiwo-mali lweWadi yesibini luyakuxoxwa kwiholo yoluntu yaseVioolsdrift.Ngokuhlwa ngentsimbi yesithandathu intlanganiso iza kuba kwiholo yoluntu yaseSteinkopf.Ngokomthetho weenkqubo zikamasipala, oomasipala kulindeleke ukuba bahlole izicwangciso zophuhliso ezihlangeneyo, isicwangciso solawulo lwenkunkuma kunye nohlahlo lwabiwo-mali rhoqo ngonyaka ngokubonisana noluntu lwabo.