By: Siphiwe Ngcongco
Date: Mon, 29 Apr 2024
Language: Xhosa
Category: Government
UMasipala weNgingqi waseNama-Khoi uza kuqhubeka nodliwano-ndlebe noluntu lweSicwangciso esiHlangeneyo soPhuhliso kwiveki ezayo.
Umasipala waseNama Khoi usezo qhubeka nentatho nxaxheba yoluntu kwiveki ezayo malunga nohlahlo lwabiwo mali kunye nezicwangciso zophuhliso ezihlangeneyo zonyaka ka 2024/25.Uluntu lwaseMatjieskloof ngoLwesibini, umhla wamashumi amathathu kuTshazimpuzi, ngentsimbi yesithandathu ngorhatya kwiHolo yeParish – abahlali bayacetyiswa ukuba bayithathele ingqalelo indibano ezakube isenzeka ukuze bakwazi ukuzimasa bavakalise izimvo zabo.NgokoMthetho weeNkqubo zikaMasipala, oomasipala kulindeleke ukuba bahlole izicwangciso zophuhliso ezihlangeneyo, izicwangciso zolawulo lwenkunkuma, kunye nohlahlo lwabiwo-mali rhoqo ngonyaka ngokubonisana noluntu lwabo.Umasipala sele eqhube uthatho nxaxheba loluntu kuninzi loluntu kumasipala waseNama-Khoi.# Kusenjalo, umasipala waseNama Khoi ukwabhengeze iintlanganiso zabahlali ezizakuba ngoMvulo, umhla wamashumi amabini anesithoba kuTshazimpuzi kwiidolophu ezimbini. Intlanganiso yokuqala iya kuba kwiKliniki yaseRooiwinkel ngentsimbi yeshumi elinanye ze emva kwentsimbi yesibini emva kwemini indibano yesibini ibe kwiholo yoluntu eBulletrap.Uceba wewadi uWarren Britz utyikitye isaziso kwaye ubukho boluntu kunatyiswa ngokubalulekileyo. Le ndlela yothatho-nxaxheba ikwakhuthaza ukwenziwa elubala, uxanduva, nobunini benkqubo yophuhliso phakathi kwabahlali, ekugqibeleni ikhokelele kulawulo olusebenzayo noluphendulayo.
Related News