By: Siphiwe Ngcongco
Date: Tue, 28 May 2024
Language: Xhosa
Category: Community
Bangaphezu kwamashumi asixhenxe eepesenti abantu ababhalisiweyo abavotele eNamakwa.
Bangaphezu kwamashumi asixhenxe eepesenti abantu ababhalisiweyo abavotele iivoti ezizodwa kwizikhululo ezichongiweyo naxa bendwendwela amakhaya abo beqhutywa zii-arhente zeKomishini yoNyulo eZimeleyo kwingingqi yaseNamakwa.Ngokwezikhululo, amagosa aphetheyo e-IEC akhankanye malunga namashumi amathathu eepesenti zabantu abakwazi ukuvota ngenxa yokungabikho koxwebhu besazisi, ukungahlaziywa kweedilesi zekhaya,ukulaliswa esibhedlele, nokurhoxa ukuze bavote. Ngeso sibalo, kusekho ezinye iivoti ekulindeleke ukuba zenze u-X wabo kwizikhululo zabo zokuvota ezikufutshane. Abavoti bayakhuthazwa ukuba baye kuvota kwaye basebenzise eli thuba ukuze bakwazi ukuvakalisa imingeni yabo yokunikezelwa kweenkonzo. Oku kwenzeka njengoko ngoku uMzantsi Afrika uqhuba unyulo lukazwelonke nolwephondo lonyaka ka-2024.
Related News