By: Siphiwe Ngcongco
Date: Thu, 18 Jul 2024
Language: Xhosa
Category: Government
Umongameli uCyril Ramaphosa kulindeleke enze intetho yokuvula iPalamente ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa
Uninzi lwabemi boMzantsi Afrika kulindeleke ukuba bathe nca kwimiboniso yabo nakwizikhululo zikanomathotholo zasekuhlaleni ngale njikalanga, njengoko kulindeleke ukuva umongameli uCyril Ramaphosa, xa esenza intetho yokuvula iPalamente ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa. Oku kuza ngethuba uMzantsi Afrika utsala nzima ngenxa yokunyuka kwamaxabiso epetroli nokutya, intswela-ngqesho kulutsha, ubugebenga nobuqhophololo, phakathi kwezinye izinto, abemi abaninzi bafuna ithemba kwaye bazakuyijonga le ntetho kaMongameli Ramaphosa ukuba babe nethemba njengoko ekhokela eli lizwe phantsi korhulumente wesizwe. Isibhengezo soManyano lweSizwe.UMongameli Ramaphosa uphinde wonyulwa isihlandlo sesibini kule nyanga iphelileyo kwindibano yokuqala yeNdlu yoWiso-mthetho ukusukela kunyulo lwamashumi amabini anesithoba kuCanzibe.
Related News