Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu ubudala ubanjwe ngamapolisa abonakalayo eSpringbok izolo, oku kulandela ukuphunyezwa kwamanyathelo okuhlola iimoto nokumisa nokugqogqa. Amapolisa abambe intsango exabisa amashumi amathandathu ananye namakhulu asixhenxe eerandi nemali ekukholeleka ukuba zezolwaphulo mthetho.Ngelixa, ePort Nolloth, amapolisa ebejikeleza izithuthi kula mmandla, afumana iinkcukacha zomntu oyindoda ekutyholwa ukuba uthengisa iziyobisi kwindawo yaseSizamile ze emva koko athatha amanyathelo akhawulezileyo. Sgt. UMolefi Shemane udiza ukuba amapolisa afumene athimba itik, mandrax kunye nentsangu eqikelelwa kumawaka amathathu eerandi nemali ekucingelwa ukuba yimali yolwaphulo-mthetho kwaye abambe umrhanelwa oneminyaka engamashumi amane anesihlanu ubudala.Abantu ababanjiweyo kulindeleke ukuba bavele kwakamsinyane kwiinkundla zikamantyi.