By: Siphiwe Ngcongco
Date: Thu, 29 Aug 2024
Language: Xhosa
Category: District
Oomasipala bengingqi eNamakwa benze isikhumbuzo samanina.
USodolophu kamasipala waseKamiesberg uSusarrah Nero ubambe inkonzo yesikhumbuzo yabasetyhini eKamasies ngale ntsasa ngentsimbi yeshumi elinanye. Le nkqubo yamiselwa ukuze idlale indima exhasayo kumaxhoba alahlekelwe ngamalungu osapho ngenxa yobundlobongela obusekelwe kwisini kwakunye nokubakho kumaxhoba akhoyo ngoku. Ezi nkqubo zazibanjelwe ukuqinisekisa uluntu olukhuselekileyo, ingakumbi abasetyhini, abantwana kunye namaqela ekujoliswe kuwo kuquka noluntu lweLGBTI.Kusenjalo, usodolophu womasipala waseRichtersveld, uCornell Knoph wenze isikhumbuzo sosuku lwamanina eLekkersing kwiholo yoluntu oluqale ngo-11:00. USuku lwaManina lweHlabathi, olubhiyozelwa minyaka le ngomhla we-9 kweyeThupha, lubhiyozelwe kulo nyaka phantsi komxholo othi “Utyalo-mali kwabaseTyhini: Ukukhawulezisa iNkqubela”. Imibhiyozo yoSuku lwabaseTyhini lwalo nyaka ibibanjwe kwiPofadder kumasipala waseKhâi Ma, nalapho uMongameli Cyrill Rhamaphosa ebelundwendwe olubekekileyo.
Related News