By: Siphiwe Ngcongco
Date: Thu, 29 Aug 2024
Language: Xhosa
Category: Agriculture
Ingcaphephe ixhalabile zizityalo eRichertsveld Transfrontier Park ngenxa yokutshintsha kwemozulu kwisithili.
Ingcaphephe yezityalo eRichertsveld Transfrontier Park eMntla Koloni ixhalabile kukuba izityalo ezidumileyo zeHalfmens succulent, ezifumaneka kuphela kwintlango yase Richtersveld kunye neendawo ezithile zase Namibia, ekugqibeleni zingaphela ngenxa yokutshintsha kwemozulu.Imbalela eyenzeka eRichtersveld iye yanciphisa iPac-hypo-dium Namaqua-num okanye umboko wendlovu, ngaphezulu kwamashumi asibhozo ekhulwini.Ingcaphephe ngeZityalo kunye neNtloko yePaki, uPiet van Wyk, ukhankanye ukuba kule minyaka ilishumi idlulileyo amaqondo obushushu anyuke malungana ne-4.2 degrees celsius kwaye uninzi lweezityalo alinokumelana neentlobo. UVan Wyk uthi ukususwa kolu hlobo ngabaqokeleli kukwabeka isoyikiso esicacileyo kubomi bayo.
Related News