Kwelinye icala loluntu lweSithili saseNamakwa, uMasipala waseNama-Khoi ucela unmonde kuluntu lwasekuhlaleni kuquka namashishini njengoko achatshazelwa kakubi kukuphazamiseka kwamanzi. Ngokuka-Jan Swart, ongumanejala kamasipala, bafumene isaziso kumnikezeli weenkonzo zamanzi: Central Water Board, ukuba bafumana imingeni yobugcisa echaphazela unikezelo lwamanzi ukusukela izolo. Ukusukela izolo, iDoringwater iqale yasebenza ekuboneleleni amanzi kwimpompo yokuqala, kodwa kwinkqubo yofakelo, amanzi ajikelwe kwidama laseVaalhoek ukuqinisekisa ukuba kukho amanzi athile. Ixesha lokubuyela kwamanzi eluntwini, umasipala ubalula ukuba akwaziwa.