Amalungu oluntu eConcordia avakalise ukungoneliseki lunikezelo lweenkonzo nguMasipala weNgingqi waseNama-Khoi.
Oku kuvele ngethuba uluntu lujongene nemingeni yamanzi nanjengoko abanye abahlali bengenamanzi ukusukela ngeCawe izolo.
NgokukaCeba wasekhaya, uCharlotte Visser, inkonzo yobugcisa ibuyile ngempendulo yokuba idama elise-Okiep linamandla angama-40% kuphela nelithi lingomelelanga ngokwaneleyo ukubonelela udama lase-Concordia.
Wongeze ngelithi ukuba umngxuma otsala amanzi e-Tweefontein ubonelela ngamanzi kumadama amathandathu, nto leyo eshiya ukungaqiniseki ngamanzi anokunikezelwa kwidama laseConcordia.
UVisser uthe ilori yaseVaal Central Water ijikeleza uluntu ukuze ibonelele ngamanzi.
Kwisaziso esikhutshwe ngumasipala kuluntu sithe unobangela kungenxa yokunqongophala kokungena koomatshini ngenxa yemingeni ejongene neBhodi yaManzi yaseVaal Central.
UJan Swarts, umphathi kamasipala uthi benza konke okusemandleni ukusombulula lo mba. Ixesha lokulungisa lisajinga emoyeni.