By: Siphiwe Ngcongco
Date: Wed, 03 May 2023
Language: Xhosa
Category: Other
Uluntu oluthetha isiNama bafuna ulwimi lwabo lubesemthethweni.
Uluntu lwaseNama Khoi
luziva lungakhathalelekanga okanye njengokhetho lokugqibela.
Bathathela ingqalelo
into yokuba ulwimi lwesiNama/Damara bekufanele ukuba kudala lulawulwa
njengolunye lweelwimi zaseMzantsi Afrika
Oku kulandela emva
kokuba ulwimi lwezandla ngoku lulwimi olusemthethweni leshumi elinesibini
eMzantsi Afrika. Oku kuvunywe yiNdlu yoWiso-mthetho nge02 kweyeTshazimpuzi 2023
ngethuba lokungcungcuthekiswa kwayo kwaye isilungiso secandelo lesithandathu
lomgaqo-siseko.
Ibandakanya uLwimi
lokuThetha ngeZandla loMzantsi Afrika njengolwimi olusemthethweni lokukhuthaza
amalungelo abantu abangevayo ngeendlebe.
Isithethi sePalamente
uMoloto Mothapo uthe le komiti ifumene iziphakamiso ezibhaliweyo ezingamashumi
amahlanu anesibhozo eziphuma ebantwini nakwimibutho apho uninzi lwabo luxhasa
lo mthetho uyilwayo.
Abantu abathetha ulwimi
lweNama nesi Damara, bayazithandabuza ukuba yintoni elangazelela inqubo
ekuvunyweni ulwimi lwabo lube lolunye olusemthethweni eMzansi Afrika.
Umongameli uCyril
Ramaphosa kusafuneka awutyikitye umthetho oyilwayo wolungiso ukuba ube
ngumthetho.
Ulwimi
lwamaKhoekhoe, olukwaziwa ngamagama esizwe samaNama, isiDamara kwaye sasifudula
sibizwa ngokuba yiHottentot, lolona lwimi luxhaphakileyo kwiilwimi ezingezizo
ezabantu baseMazantsi e-Afrika ezisebenzisa kakhulu iikonsonathi zokucofa ngoko
ke bezikade zihlelwa njengeziKhoisan.
Related News