Nanjengoko namhlanje liphawula iminyaka engamashumi amabini anesithoba ukususela oko uMzantsi Afrika wafumana inkululeko, eli lizwe lidlule kumaxesha ahlukeneyo phambi kokuba lifikelele kwidemokhrasi ngowe-1994. Abahlali besithili saseNamakwa ababoni ukubaluleka kokubhiyozela olu suku ngelixa ezinye iimbhombho zoMzantsi Afrika zikhumbula olu suku. Bakhala ngezikhalazo zokuba ababoni mehluko wenqubela phambili kwesisithili kwaye iinkokeli azifakeli ntshukumisa, azenzi nto ukuba idolophu iqhubele phambili koko inkqubela ibuyela emva. Kunjalo nje, isizukulwana sethemba kunatyiswa ngelithi sibulawa ngokuthe ngcembe kukusebenzisa kakubi iziyobisi kunye noxinzelelo loontanga kwaye nokukhhulelwa kolutsha.