Bonke abafundi abenzakeleyo kwingozi yothutho lwesikolo ngaphandle kweSoebatsfontein ngoku bakhululwe esibhedlele.
Le ngozi yenzeke izolo xa ibhasi encinci eyayithwele abafundi eKommagas yajika, yenzakalisa abafundi abalishumi elinesixhenxe.
Omnye wabafundi abonzakeleyo wothuka izolo ebusuku waza wangeniswa eSibhedlele saseGaries, kodwa ukususela ngoko unyangiwe waza wakhululwa.
Okwangoku, intlanganiso iya kubanjwa namhlanje eSoebatsfontein phakathi koluntu kunye neSebe leMfundo laseMntla Koloni.
Intlanganiso iya kugxila kwimiba yezothutho lwesikolo kunye nokhuseleko emva kwengozi, ngelixa unobangela wengozi usaphandwa.