UMasipala waseKhâi-Ma ucela bonke abemi abahlwempuzekileyo ukuba babhalisele ukufikelela kwiinkonzo ezisisiseko zasimahla.
Inkqubo yokubhalisa iza kuqala ngomhla we-13 ukuya kowe-17 ku-Epreli 2026 kwiholo kamasipala, isebenza imihla ngemihla ukususela ngentsimbi yesi-8 kusasa ukuya kweyesi-4:30 emva kwemini.
UMasipala uthi iindawo ezibandakanyiweyo kuphulo lokubhalisa yiPofadder, iPella, iOnseepkans, kunye neWitbank.
Abemi kufuneka beze nekopi eqinisekisiweyo yesazisi sabo, ubungqina bengeniso okanye i-affidavit yokungaqeshwa, iinkcukacha zekhaya, ingxelo yebhanki, kunye neakhawunti kamasipala.
UMasipala uthi ukungaphumeleli ukubhalisa ngeli xesha kuya kubangela ukuba abemi bangafaneleki ukufumana inkxaso yabahlwempuzekileyo.