Umasipala wengingqi yaseNama Khoi wazisa abahlali kwaye ngokukodwa abathengi benkxaso-mali ukuba iinkqubo zabo zokuvuselela iinkxaso-mali zivuliwe ngoku.aUNama Khoi ubalule amaxwebhu afunekayo ukuhlaziya ngempumelelo inkqubo yenkxaso ngolu hlobo lulandelayo.Ikopi yeakhawunti kamasipala, iincwadi zezazisi zabantu abatshatileyo okanye izatifikethi zokubhubha zamaqabane angasekhoyo okanye amaphepha oqhawulo-mtshato, ubungqina bengeniso okanye isatifiketi somvuzo sakwa-SASSA kunye okanye isibhengezo esifungelweyo sokungaphangeli kunye nezivumelwano zokurenta ukuba kuyimfuneko. Abasebenzisi benkxaso-mali kufuneka bahlaziye izicelo zabo zenkxaso-mali kwiindawo zabo zenkonzo phambi okanye ngomhla wesixhenxe kweyeKhala.